izimvo zikithembci
kubhale uTHEMBA KHUMALO
U
 IVIGEWU othand ukudubula ngompu uhlaseia uthile. Eqonda ubungozi lo mfo unqumla sitrato ejolise kwisango elikwesinye isakhiwo esikufutshane. lzithonga ziqhubeka zinqonqoza.
lzithonga zokuqala zichana to mfo entloko, zimbangela agxadazele engena apho. F-tayi ke iimbumbulu ezilandelayo zimhlasela emqolo.
Kumpompoza igazi. Uthi tywaa phantsi kuphele ukuleqwa kwakhe.
Umhlaseli ubaleka ukwehlisa isitrato aze aphel emehlweni. Umsebenzi wakhe wokubulala uqatyelisiwe.
tmizuzu kamva kuvakala isandi seemoto zamapotisa kumenyezeta nezibane zawo, ayehlika ebuza.
Umbulali unjani? Mde. mfutshane, udweni okanye unomzimba omkhulu? Ebenxibe ntoni? babuza amangqina akhwankqiswe sesi senzo.
Uthile owazi uthile osisalamane uthetha ngothite ekunokwenzeka uyazi ngokwenzekileyo nonokunceda amapolisa abambe umbutali. Aqhubeka ehlola kwiikhompyutha amanye esihla esenyusa izitrato ekhangela. Koko kuhla enyuka amapolisa sekufutshane nokubamba esi saphuli-mthetho ekucaca ukuba sikonwabele ukudubula ukanti ngunqal intloko ongeva kunqanqwa.
Esi sigebenga sithi sakuva ukugxanyaza kwamapolisa esondela kufutshane negumbi laso lehotele sinkwantye.
Sinqakula umpu, siphu.ma. 12 BONA XHOSA- April,2000
kwisrigo elisetyenziswa xa kusitsha. Kuqalisa ukudubulana lize elinye ipolisa lidutyulwe egxalabeni nasesiswini. lpolisa lesibini liyajolisa tiqhubeka lithukisa lize lidubule 1o mbulali entloko.
Uthi umzimba weso sigwinta wakuthi tywa phantsi ipolisa eliyinkcani Iihoyane nepolisa elisebonza nalo nelonzakele kakubi. Loo ndawo izaliswe ligazi. Lithetha nogxa walo lithi: Ntang am khawuiinde, ungafi qabane! - kuthi kusenjalo kuvakale izandi zeeambulensi nemoto zamapolisa.
Kuchitheke igazi elininzi apho kangangokuba nkqu nabatsali begazi bangalitsala lanele. Eti polisa


Ngaba akubon kufuneka sikhusela abantwana bethu
kubantu abathetha izinto tikqu nomntu ongazi nto akanakuze
azisebenzise hleze zenze umonaka.lo ongathatha
iiriinyaka ukuze ulungiswe?


lenzakeleyo lithe lakukhweliswa kwiambulensi apho lichitheke khona igazi, abezentengiso baphazamise lo mdlalo weqonga womabonakude.
Ukuze ndiphozise imithambo luvo yam kutuneka ndizalise iglasi ngegrangqa.
lgazi ligcwala yonke indawo kwiskrini. Lo ngomnye nje wenxalenye yemifanekiso esihlasela kumabonakude mihla le.
Abanye abantu bathi le midtalo
ikhuthaza ukukhohlakala kwiindawo apho kuxhaphake khona imipu nobundlobongela ezitratweni. Kumabonakude kubhalwe iminyaka . yobudala efunekayo ukuze foo mdlalo ubukelwe. Ndikhe ndeva mfo uthile esithi te midlalo ayifundisi nto. Mna ndimphendulo ndathi ndiyayithanda. Qho ndivulela uSimuriye kukhe kubekho umbuzo ondikhathazayo. Xa sinokude sithintele abantwana bethu ekubukeleni umabonakude kutheni singabakhuseti ekujongeni abasasazi abachaza iinkqubo ezilandelayo kuSABC 1?
Ngaba akuboni ibubulumko ukukhusela abantwana bangachanabeki kubantu abayingozi nabanokubabangela bonakale monakalo lowo onokuthatha iminyaka ukuze ulungiswe? Ngaba asizibeki engozini yokukhulisa abantwana bacinge ukuba ukuthetha utyhatyhiwe ngundleta-luta wodumo nokuba nemali eninzi?
Phulaphuta kwaba basasazi, abanamsebenzi nento ephuma emilonyeni yabo kungasathethwa ke ngenkangeleko yabo, okona kuphambili kubo zizandi zamazwi abo. Ngaba akuyongozi ukubangela abantwana bethu bakhule becinga ukuba kufuneka nje ungabi krelekrele kangako ukuze usebenze?
Phulaphula kubasasazi beSABC abaneenttoko ezintle xa bezama ukukuchazela ngenkqubo elandelayo. linkcaza zabo kufanele ziyilelwe abantu abanxilileyo abangaboni nokuba kuyasa okanye kuyahlwa.
Oyena mntu ndingamthandi kangako ngumfo apha onetizwi etikhulu, elithanda ukurhoxoza. lndtela athetha ngayo ayivakali ncam ngathi yeyomntu owakhe wenzakala kancinci apha ebuchotsheni.
Kwakhona yintoni imbangi yokuba basoloko besasaza bebabini? Nkqu noyedwa akafuneki? Omnye uthetha isiNgesi aze omnye athethe olunye lweelwimi zakwaNtu bagqibela bobabini sebethetha unobenani ngesiNgesi.
Uyabona ke mtshana, mna ndinenkolo yokuba noko abantwana bethu kufuneka sibakhusele kubasasazi bakaSimunye ngendlela efanayo nale yokubakhusela bangabukeli iifilim ezikumabonakudo eziyingozi.
Okukhona sikhawuleza senjenjalo kokungcono kuba ezi filim zikubangela ugqibele sowukholelwa kokuqhubeka kuzo. Abasasazi hayi bayawenza umsebenzi wabo. U
Xci umciboncikude
eyingozi...

